-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Isaías 9:6|
Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo,
-
7
|Isaías 9:7|
ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.
-
8
|Isaías 9:8|
INkosi ithumela ilizwi kwaYakobi, liwa ke kwaSirayeli.
-
9
|Isaías 9:9|
Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: abathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo,
-
10
|Isaías 9:10|
Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare.
-
11
|Isaías 9:11|
UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe.
-
12
|Isaías 9:12|
Ama-Aram ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.
-
13
|Isaías 9:13|
Aba bantu ke ababuyeli kulowo ubabethileyo; abamngxamele uYehova wemikhosi.
-
14
|Isaías 9:14|
Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzi, ngamini-nye.
-
15
|Isaías 9:15|
Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7