-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Isaías 10:15|
Izembe lingamqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingazikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingabajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungamphakamisa ongenguwo umthi!
-
16
|Isaías 10:16|
Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo.
-
17
|Isaías 10:17|
Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.
-
18
|Isaías 10:18|
Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;
-
19
|Isaías 10:19|
abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana.
-
20
|Isaías 10:20|
Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.
-
21
|Isaías 10:21|
Amasalela aya kubuya, amasalela akwaYakobi, eze kuThixo oligorha.
-
22
|Isaías 10:22|
Kuba nangona bathe baba ngangentlabathi yaselwandle abantu bakho, Sirayeli, kobuya amasalela odwa kubo; ukupheliswa kumisiwe kwagqitywa, kukhukula ubulungisa.
-
23
|Isaías 10:23|
Ngokuba iNkosi uYehova wemikhosi iza kwenza phakathi kwehlabathi lonke impeliso, iyemisiweyo ke yagqitywa.
-
24
|Isaías 10:24|
Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Musani ukumoyika uAsiriya, bantu bam bahleliyo eZiyon, akunibetha ngentonga, aniphakamisele uswazi lwakhe ngohlobo lwamaYiputa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7