-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 11:1|
Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe;
-
2
|Isaías 11:2|
ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova.
-
3
|Isaías 11:3|
Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe.
-
4
|Isaías 11:4|
Uya kuligweba ityala lezisweli ngobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye, alibethe ihlabathi ngentonga yomlomo wakhe, ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yomlomo wakhe.
-
5
|Isaías 11:5|
Yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe.
-
6
|Isaías 11:6|
Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto.
-
7
|Isaías 11:7|
Ithokazi lenkomo nemazi yebhere ziya kudla utyani ndawonye, amankonyana azo abuthe ndaweni-nye; ingonyama idle umququ njengenkomo;
-
8
|Isaías 11:8|
adlale umntwana owanyayo emngxunyeni wephimpi, olunyulweyo ase isandla sakhe elukhozweni lweliso lerhamba.
-
9
|Isaías 11:9|
Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.
-
10
|Isaías 11:10|
Kuya kuthi ngaloo mini, ihlumelo likaYese, elimele ukuba yibhanile yezizwe, iintlanga ziquqele kulo; nendafo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7