-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 11:11|
Kuya kuthi ngaloo mini, iNkosi isiphindise okwesibini isandla sayo sokuwathenga siwakhulule amasalela abantu bayo, aya kusala eAsiriya, naseYiputa, nasePatros, nakwaKushi, nakwaElam, naseShinare, naseHamati, naseziqithini zolwandle:
-
12
|Isaías 11:12|
izinyusele ibhanile iintlanga, ibahlanganise abagxothiweyo bakwaSirayeli, izibuthe iintsali zakwaYuda emasondweni omane ehlabathi.
-
13
|Isaías 11:13|
Losuka ikhwele likaEfrayim, banqunyulwe ababandezeli bakaYuda. UEfrayim akayi kumkhweletela uYuda, uYuda angambandezeli uEfrayim.
-
14
|Isaías 11:14|
Bophaphazela egxalabeni lamaFilisti, babheke ngasentshonalanga. Baya kudibana baphange oonyana basempumalanga, base isandla kooEdom noMowabhi; oonyana baka-Amon babeve.
-
15
|Isaías 11:15|
UYehova wosisingela phantsi isibhaxa solwandle lwaseYiputa, alingise ngesandla sakhe kuwo uMlambo ekuvutheni komoya wakhe, awubethe ube yimilanjana esixhenxe, abaweze beneembadada.
-
16
|Isaías 11:16|
Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaya kusala eAsiriya, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli, mini anyuka ephuma ezweni leYiputa.
-
1
|Isaías 12:1|
Uya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.
-
2
|Isaías 12:2|
Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.
-
3
|Isaías 12:3|
Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;
-
4
|Isaías 12:4|
nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7