-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Isaías 13:9|
Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.
-
10
|Isaías 13:10|
Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.
-
11
|Isaías 13:11|
Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;
-
12
|Isaías 13:12|
ndiwenze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire.
-
13
|Isaías 13:13|
Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe;
-
14
|Isaías 13:14|
bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo.
-
15
|Isaías 13:15|
Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlanza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele.
-
16
|Isaías 13:16|
Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo.
-
17
|Isaías 13:17|
Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide.
-
18
|Isaías 13:18|
Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7