-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Isaías 14:7|
Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.
-
8
|Isaías 14:8|
Nayo imisipres ikuvuyele, imisedare yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo.
-
9
|Isaías 14:9|
Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga.
-
10
|Isaías 14:10|
Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwe ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na?
-
11
|Isaías 14:11|
Buhliselwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubungele amanundu.
-
12
|Isaías 14:12|
Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!
-
13
|Isaías 14:13|
Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.
-
14
|Isaías 14:14|
Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;
-
15
|Isaías 14:15|
kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.
-
16
|Isaías 14:16|
Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7