-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Isaías 10:25|
Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinane, kuphele ukubhavuma kwam, nomsindo wam uye kumonakalisa;
-
26
|Isaías 10:26|
ajiwule phezu kwakhe uYehova wemikhosi iziniya, njengoko wabetha amaMidiyan eweni likaOrebhe; intonga yakhe ibe phezu kolwandle, ayiphakamise ngohlobo lwamaYiputa.
-
27
|Isaías 10:27|
Kuya kuthi ngaloo mini, usuke umthwalo wakhe esixhantini sakho, nedyokhwe yakhe entanyeni yakho, idyokhwe yonakale kukutyeba.
-
28
|Isaías 10:28|
Ufikile eAyati, ucande eMigron, uyibeke eMikimashe impahla yakhe.
-
29
|Isaías 10:29|
Baqabele enkalweni, bathi, Masilalise eGebha. Iyagubha iRama, isabile iGibheha yakwaSawule.
-
30
|Isaías 10:30|
Khala ngezwi lakho, ntombi yaseGalim! Baza iindlebe, Layisha! Uha, Anatoti!
-
31
|Isaías 10:31|
IMadema ibalekile; abemi baseGebhim bazisabisile iintsapho zabo.
-
32
|Isaías 10:32|
Umisa eNobhi kwanamhlanje, ulingisa ngesandla sakhe entabeni yentombi enguZiyon, endulini yaseYerusalem.
-
33
|Isaías 10:33|
Yabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, iyawathi tyhobotyhobo amahlamvu ngokungcangcazelisayo, namade aphezulu axakaxwe, naphakamileyo athotywe;
-
34
|Isaías 10:34|
ihlahla neentshinyela zehlathi ngesixengxe, iwiswe iLebhanon ngonamandla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7