-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Isaías 8:8|
utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli.
-
9
|Isaías 8:9|
Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe.
-
10
|Isaías 8:10|
Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi.
-
11
|Isaías 8:11|
Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi,
-
12
|Isaías 8:12|
Ize ningathi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.
-
13
|Isaías 8:13|
UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo.
-
14
|Isaías 8:14|
Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.
-
15
|Isaías 8:15|
Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe.
-
16
|Isaías 8:16|
Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam.
-
17
|Isaías 8:17|
Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7