-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Isaías 54:12|
Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi, namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.
-
13
|Isaías 54:13|
Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.
-
14
|Isaías 54:14|
Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe.
-
15
|Isaías 54:15|
Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe.
-
16
|Isaías 54:16|
Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa.
-
17
|Isaías 54:17|
Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.
-
1
|Isaías 55:1|
Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini, nabangenamali; yizani, thengani nidle; yizani, thengani iwayini namasi, ningenani, ningenamali.
-
2
|Isaías 55:2|
Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.
-
3
|Isaías 55:3|
Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenze umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo.
-
4
|Isaías 55:4|
Yabona, ndimenze ingqina ezizweni, inganga nomwisimethetho ezizweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7