-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 62:1|
Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi tu, ngenxa yeYerusalem andiyi kuzola, bude buphume njengokusa ubulungisa bayo, nosindiso lwayo njengesikhuni esidangazelayo;
-
2
|Isaías 62:2|
zibubone iintlanga ubulungisa bakho, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Uya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kaYehova;
-
3
|Isaías 62:3|
ube sisithsaba sokuhomba esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni yesandla soThixo wakho.
-
4
|Isaías 62:4|
Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; ngokuba uYehova ekunanzile, nelizwe lakho lendile.
-
5
|Isaías 62:5|
Njengokuba indodana izeka intombi, oonyana bakho baya kuzeka wena; njengomyeni enemihlali ngomtshakazi, uThixo wakho uya kuba nemihlali ngawe.
-
6
|Isaías 62:6|
Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimise abagcini: imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka.
-
7
|Isaías 62:7|
Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini.
-
8
|Isaías 62:8|
UYehova ufunge isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo.
-
9
|Isaías 62:9|
Kuba ngabayihlanganisileyo abaya kuyidla, badumise uYehova; ngabayibuthayo abaya kuyisela ezintendelezweni zengcwele yam.
-
10
|Isaías 62:10|
Phumani, phumani ngamasango; gecani indlela yabantu; fumbani, fumbani umendo, ncothulani amatye kuwo; nyusani ibhanile phezu kwezizwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7