-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Isaías 64:10|
Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa.
-
11
|Isaías 64:11|
Indlu yobungcwele bethu nokuhomba kwethu, ababekudumisela kuyo oobawo, itshile ngumlilo, neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele.
-
12
|Isaías 64:12|
Uya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele?
-
1
|Isaías 65:1|
Ndangxokeka kwababengandibuzi, ndafumaneka kwababengandifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.
-
2
|Isaías 65:2|
Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, abahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo:
-
3
|Isaías 65:3|
abantu aba bandiqumbisayo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni,
-
4
|Isaías 65:4|
behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa;
-
5
|Isaías 65:5|
besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke.
-
6
|Isaías 65:6|
Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa,
-
7
|Isaías 65:7|
nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiselayo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7