-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Isaías 16:6|
Silivile ikratshi likaMowabhi, ikratshi elikhulu. Hayi, ukukratsha kwakhe! Hayi, ikratshi lakhe nokuphuphuma komsindo wakhe, ukuphololoza kwakhe into engeyiyo!
-
7
|Isaías 16:7|
Ngako oko uMowabhi uya kubhomboloza ngenxa kaMowabhi; bonke bephela baya kubhomboloza; niya kunkwinizela izicumba zeerasintyisi zaseKir-hareshete, nithe dakumba kanye.
-
8
|Isaías 16:8|
Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle.
-
9
|Isaías 16:9|
Ngenxa yoko ndiyawulilela ngokulila kweYazere umdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngokuba ukuvunwa kweziqhamo zakho nokuvunwa kweediliya zakho kufikelwe ngamayeyeye.
-
10
|Isaías 16:10|
Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo; akusamemelelwa ezidiliyeni, akusadunywa nokudunywa; umxovuli akasaxovuli newayini emkhombeni; ndiwaphelisile amayeyeye.
-
11
|Isaías 16:11|
Ngenxa yoko izibilini zam ziyahlokoma njengohadi ngoMowabhi, nento ephakathi kwam ngeKir-beres.
-
12
|Isaías 16:12|
Kuya kuthi, xa athe wabonakala, xa athe wazidinisa uMowabhi esigangeni, wangena engcweleni yakhe ukuba athandaze, asuke angabi nakuthini.
-
13
|Isaías 16:13|
Lilo elo ilizwi, awalithethayo uYehova ngoMowabhi kwanini.
-
14
|Isaías 16:14|
Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu.
-
1
|Isaías 17:1|
Isihlabo esisingisele kwiDamasko. Yabona, iDamasko iya kususwa ekubeni ngumzi, ibe ngumwewe owileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7