-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Isaías 36:15|
Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.
-
16
|Isaías 36:16|
Musani ukumphulaphula uHezekiya, ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;
-
17
|Isaías 36:17|
ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya.
-
18
|Isaías 36:18|
Ize nilumke hleze aninyange uHezekiya, esithi, UYehova uya kusihlangula. Oothixo beentlanga balihlangule na elowo ilizwe lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya?
-
19
|Isaías 36:19|
Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? baphi na oothixo baseSefarvayim, ukuba bangabi balihlangule elakwaSamari esandleni sam?
-
20
|Isaías 36:20|
Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?
-
21
|Isaías 36:21|
Bathi tu, abamphendula nazwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Nize ningamphenduli.
-
22
|Isaías 36:22|
Weza ke uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake.
-
1
|Isaías 37:1|
Kwathi, akukuva okukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova.
-
2
|Isaías 37:2|
Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, bezigqume ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotsi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10