-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Jeremías 6:8|
Yaleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo.
-
9
|Jeremías 6:9|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya.
-
10
|Jeremías 6:10|
Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, ayaluswanga indlebe yabo, abanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, abalinanzile.
-
11
|Jeremías 6:11|
Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba. Buphalazele phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla.
-
12
|Jeremías 6:12|
Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova.
-
13
|Jeremías 6:13|
Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.
-
14
|Jeremías 6:14|
Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.
-
15
|Jeremías 6:15|
Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.
-
16
|Jeremías 6:16|
Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; bathi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo.
-
17
|Jeremías 6:17|
Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; bathi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8