-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Jeremías 6:28|
Bonke bephela baziinjubaqa zazo iinjubaqa, behamba behleba; balubhedu nesinyithi, bonke bephela bayonakalisa.
-
29
|Jeremías 6:29|
Itshe ngumlilo imfutho, isekupheleni ilothe; bafumana benyibilikisa banyibilikise; abenzi bobubi abahlengeki.
-
30
|Jeremías 6:30|
Bayisilivere ecekisiweyo, ukubizwa kwabo, ngokuba uYehova ebacekisile.
-
1
|Jeremías 7:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya lalisithi,
-
2
|Jeremías 7:2|
Yima esangweni lendlu kaYehova, umemeze khona eli lizwi, uthi, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda angenayo ngala masango, ukuba nimnqule uYehova.
-
3
|Jeremías 7:3|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Zilungiseni iindlela zenu nezenzo zenu, ukuze ndinibeke kule ndawo.
-
4
|Jeremías 7:4|
Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, okuthi, Yitempile kaYehova, yitempile kaYehova, yitempile kaYehova yona leyo.
-
5
|Jeremías 7:5|
Okanye ukuba nithe nazilungisa nizilungisa iindlela zenu nezenzo zenu; ukuba nithe nakwenza nikwenza okusesikweni phakathi komntu nommelwane wakhe;
-
6
|Jeremías 7:6|
anamcudisa owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, analiphalaza igazi elimsulwa kule ndawo, analandela thixo bambi, ukuba kube kubi kuni;
-
7
|Jeremías 7:7|
ndonibeka kule ndawo, ezweni endalinika ooyihlo, kwasephakadeni kuse ephakadeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8