-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Jeremías 7:18|
Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu; bathululele thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise.
-
19
|Jeremías 7:19|
Baqumbisa mna na, utsho uYehova; abaziqumbisi bona na, ukuze budane ubuso babo?
-
20
|Jeremías 7:20|
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, umsindo wam nobushushu bam buya kuphalazelwa phezu kwale ndawo, phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemithi yasendle, naphezu kweziqhamo zomhlaba, buvuthe bungacimi.
-
21
|Jeremías 7:21|
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yongezani amadini enu anyukayo emibingelelweni yenu, nidle inyama.
-
22
|Jeremías 7:22|
Ngokuba andithethanga nooyihlo, andibawiselanga methetho ngeendawo zamadini anyukayo nemibingelelo, mini ndabakhuphayo ezweni lamaYiputa;
-
23
|Jeremías 7:23|
ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni.
-
24
|Jeremías 7:24|
Ke abaphulaphulanga, abayithobanga indlebe yabo; bahamba ngamaqhinga, ngobungqola bentliziyo yabo embi, bandinikela umhlana, ayaba bubuso.
-
25
|Jeremías 7:25|
Kususela kwalaa mini baphuma ngayo ooyihlo ezweni lamaYiputa unanamhla, ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma imihla ngemihla kwakusasa;
-
26
|Jeremías 7:26|
ke abaphulaphula kum, abayithoba indlebe yabo; bayenza lukhuni intamo yabo, benza okubi kunooyise.
-
27
|Jeremías 7:27|
Ke uya kuwathetha kubo la mazwi onke, abayi kukuphulaphula; umemeza kubo, abayi kusabela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8