-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Jeremías 7:28|
Ke yithi kubo, Lulo olu uhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaYehova uThixo walo, olungayivumiyo intethiso. Kuphelile ukuthembeka, kunqumkile emlonyeni wabo.
-
29
|Jeremías 7:29|
Nqumla isithsaba sakho, Yerusalem, usilahle, umise isimbonono eluqayini; ngokuba uYehova usicekisile, usincamile isizukulwana sokuphuphuma kwakhe umsindo.
-
30
|Jeremías 7:30|
Ngokuba oonyana bakaYuda benze into embi emehlweni am, utsho uYehova; babeke izinto zabo ezinezothe endlwini elibizelwa phezu kwayo igama lam, ukuze bayenze inqambi.
-
31
|Jeremías 7:31|
Bakhe iziganga zaseTofete, ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo ngomlilo; into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam.
-
32
|Jeremías 7:32|
Ngako oko, yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi yiTofete, ngumfula wakwaBhen-hinom; baya kuthi nguMfula wokuBulala, bangcwabele eTofete ngenxa enokuba kungekho ndawo.
-
33
|Jeremías 7:33|
Izidumbu zaba bantu ziya kuba kukudla kweentaka zasendle nokwezilo zelizwe, kungabikho bani uziphekuzayo.
-
34
|Jeremías 7:34|
Ndiya kuliphezisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; ngokuba liya kubharha ilizwe.
-
1
|Jeremías 8:1|
Ngelo xesha, utsho uYehova, aya kukhutshwa emangcwabeni abo amathambo ookumkani bakwaYuda, namathambo abathetheli bakhe, namathambo ababingeleli, namathambo abaprofeti, namathambo abemi baseYerusalem;
-
2
|Jeremías 8:2|
anekwe elangeni, nasenyangeni, nasemkhosini wonke wezulu, izinto ezo ababezithanda, ababezikhonza, ababezilandela, ababequqela kuzo, ababequbuda kuzo; akayi kuhlanganiswa, akayi kungcwatywa, aya kuba ngumgquba phezu kobuso bomhlaba.
-
3
|Jeremías 8:3|
Konyulwa ukufa phezu kobomi ngamasalela onke aseleyo kule mizalwane ineento ezimbi, ezindaweni zonke endiwagxothele kuzo amasalela; utsho uYehova wemikhosi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 1-4