-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Jeremías 8:4|
Yithi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa, bangavuki na? Uya kuphamba, angabuyi na umntu?
-
5
|Jeremías 8:5|
Kungathuba lini na ukuba aba bantu baseYerusalem baphambe ngokuphamba okungunaphakade? Babambelela engohlisweni, bengavumi ukubuya.
-
6
|Jeremías 8:6|
Ndabaza indlebe, ndeva, bathetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.
-
7
|Jeremías 8:7|
Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo; nehobe nehlankomo nendwe ziligcinile ixesha lokufika kwazo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.
-
8
|Jeremías 8:8|
Ningathini na ukuthi, Sizizilumko, umyalelo kaYehova unathi? Yabonani, okwenene usiba lwababhali olubuxoki luwenze wabubuxoki.
-
9
|Jeremías 8:9|
Zidanile izilumko, ziqhiphuke umbilini, zibanjisiwe; yabona, ziyalicekisa ilizwi likaYehova; zinobulumko bukabani na ke?
-
10
|Jeremías 8:10|
Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanikele kwabawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela babawa bebawile; bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.
-
11
|Jeremías 8:11|
Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.
-
12
|Jeremías 8:12|
Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo, ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.
-
13
|Jeremías 8:13|
Ndiya kubatshayela impela, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni; igqabi liya kubuna; ndisuke ndimise abo baya kugqitha phezu kwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 1-4