-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Jeremías 7:8|
Yabonani, nikholosa ngamazwi obuxoki angancediyo.
-
9
|Jeremías 7:9|
Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali, nilandele thixo bambi eningabaziyo;
-
10
|Jeremías 7:10|
nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke?
-
11
|Jeremías 7:11|
Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova.
-
12
|Jeremías 7:12|
Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli.
-
13
|Jeremías 7:13|
Kaloku ke, ngokokuba nizenzile ezi zenzo zonke, utsho uYehova, ndathetha kuni, ndithetha kwakusa ningeva, ndinibiza ningasabeli:
-
14
|Jeremías 7:14|
ndokwenza kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nikholosa ngayo, nakule ndawo ndaninika yona nina nooyihlo, njengoko ndakwenzayo kwiShilo.
-
15
|Jeremías 7:15|
Ndiya kunigxotha nisuke ebusweni bam, njengoko ndabagxothayo abazalwana benu bonke, imbewu yonke yakwaEfrayim.
-
16
|Jeremías 7:16|
Wena ke, musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo, ungandizami, ngokuba andiyi kukuphulaphula.
-
17
|Jeremías 7:17|
Akuboni na abakwenzayo emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8