-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Jeremías 6:18|
Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.
-
19
|Jeremías 6:19|
Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.
-
20
|Jeremías 6:20|
Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum.
-
21
|Jeremías 6:21|
Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubeke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale.
-
22
|Jeremías 6:22|
Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba.
-
23
|Jeremías 6:23|
Baqubule isaphetha nenkcula; bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo ligquma njengolwandle; bakhwela emahasheni, bexhobe njengendoda yokulwa, ukukufikela wena, ntombi enguZiyon.
-
24
|Jeremías 6:24|
Siluvile udaba lwaloo nto; ziwile izandla zethu; imbandezelo isibambile, ukuzibhijabhija njengozalayo.
-
25
|Jeremías 6:25|
Musani ukuya emasimini, ningahambi ngendlela: ngokuba utshaba lunekrele, kunxunguphala ngeenxa zonke.
-
26
|Jeremías 6:26|
Ntombi yabantu bam, bhinqa ezirhwexayo, uzigalele ngothuthu; menzele isijwili ozelwe wamnye, ukumbambazela okukrakra; ngokuba uya kusizela ngesiquphe umbhuqi.
-
27
|Jeremías 6:27|
Ndikwenze umcikidi phakathi kwabantu bam njengenqaba, ukuze uyazi uyicikide indlela yabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8