-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 51:1|
Phulaphulani kum, nina babusukelayo ubulungisa, bamquqelayo uYehova; bhekani eweni enaxholwa kulo, nasesigingqini somhadi enembiwa kuwo.
-
2
|Isaías 51:2|
Bhekani kuAbraham uyihlo, nakuSara owanizalayo; kuba waye emnye ndakumbiza, ndakumsikelela, ndakumandisa.
-
3
|Isaías 51:3|
Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.
-
4
|Isaías 51:4|
Ndibazeleni indlebe, bantu bam; ndibekeleni indlebe, sizwe sam; ngokuba isiyalelo siya kuphuma kum, ndilizinzise isiko lam, ukuba libe sisikhanyiso sezizwe.
-
5
|Isaías 51:5|
Busondele ubulungisa bam, luphumile usindiso lwam; iingalo zam ziya kugweba izizwe, iziqithi zithembele kum, zilindele engalweni yam.
-
6
|Isaías 51:6|
Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungaqotywa ubulungisa bam.
-
7
|Isaías 51:7|
Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo.
-
8
|Isaías 51:8|
Kuba amanundu aya kubadla njengengubo, umbungu ubadle njengoboya begusha; ke bona ubulungisa bam buya kuba ngunaphakade, nosindiso lwam lube kwizizukulwana ngezizukulwana.
-
9
|Isaías 51:9|
Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! Vuka, njengokwemihla yamandulo, njengokwezizukulwana zaphakade! Asinguwe na lowa wachitha uRahabhi, wayihlaba ingwenya?
-
10
|Isaías 51:10|
Asinguwe na lowa womisa ulwandle, amanzi enzonzobila enkulu; iinzulu zolwandle wazenza indlela yokuwela abahlawulelweyo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7