-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 51:11|
Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina.
-
12
|Isaías 51:12|
Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu; ungubani na wena, ukuba woyike umfo oza kufa, nonyana womntu owenziwe wanga yingca;
-
13
|Isaías 51:13|
ukuba umlibale uYehova uMenzi wakho, uManeki wezulu, uMseki wehlabathi; ukuba uhlale unkwantya imini yonke bubushushu bombandezeli, ngokokuba exunela ukonakalisa; buphi na ke ubushushu bombandezeli?
-
14
|Isaías 51:14|
Ogotyiweyo ngamakhamandela wobehle akhululwe, angafeli esihogweni, angasisweli isonka sakhe.
-
15
|Isaías 51:15|
Kuba ndinguYehova uThixo wakho, uMlatyuzisi wolwandle, agqume amaza alo, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
-
16
|Isaías 51:16|
Ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, ndakugubungela ngesithunzi sesandla sam, ukuba ndityale izulu, ukuba ndiseke ihlabathi, ukuba ndithi kwiZiyon, Ningabantu bam.
-
17
|Isaías 51:17|
Zivuse, zivuse, sukÂ’ ume, Yerusalem wena uyiseleyo esandleni sikaYehova indebe yobushushu bakhe; uyisele wayifinca indebe enombilini ehexisayo.
-
18
|Isaías 51:18|
Bekungekho namnye uyithundezayo iYerusalem, phakathi koonyana bonke eyabazalayo; bekungekho namnye uyibambe ngesandla, phakathi koonyana bonke eyabakhulisayo.
-
19
|Isaías 51:19|
Zazimbini izinto ezakuhlelayo; ngubani na owakukhuzayo? Yimbuqo nokwaphuka, yindlala nekrele; bendingathini na ukukuthuthuzela?
-
20
|Isaías 51:20|
Oonyana bakho bawa isiduli, balala emantloko ezitrato zonke, njengeula eli libanjisiweyo; bazele bubushushu bukaYehova, kukukhalima koThixo wakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3