-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Isaías 59:5|
Baqandusela amaqanda erhamba, baluka izindlu zesigcawu. Lowo udla amaqanda abo uya kufa; elinyathelweyo liqandulelwa inyushu.
-
6
|Isaías 59:6|
Imisonto yabo ayiyi kuba yingubo, nemisebenzi yabo ayiyi kubagubungela. Izenzo zabo zizenzo zobutshinga; ukusebenza ngogonyamelo kusezandleni zabo.
-
7
|Isaías 59:7|
Iinyawo zabo zigidimela ebubini, zikhawuleze ukuya kuphalaza igazi elimsulwa; iingcinga zabo ziingcinga zobutshinga; emendweni wabo kukubhuqa nokwaphula.
-
8
|Isaías 59:8|
Abayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo abalwazi uxolo.
-
9
|Isaías 59:9|
Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembe ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembe ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni.
-
10
|Isaías 59:10|
Siya phuthaphutha njengeemfama eludongeni; siyaphuthaphutha njengabangenamehlo; sikhubeka emini enkulu ngathi kungongcwalazi; phakathi kwabaxhamla ubomi, ngathi thina singabafileyo.
-
11
|Isaías 59:11|
Siyavungama njengebhere sonke siphela; sidumzela sidumzele njengamavukuthu; sithemba okusesikweni, kungabikho; sithemba usindiso, lube kude kuthi.
-
12
|Isaías 59:12|
Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi:
-
13
|Isaías 59:13|
ukukreqa kuYehova, nokumkhanyela, nokubuya umva kuThixo wethu, ukuthetha okucudisayo, okutyekisayo, ukukhawula nokuphimisela ngentliziyo amazwi obuxoki.
-
14
|Isaías 59:14|
Okusesikweni kubuyiswe umva, nobulungisa bumi kude; ngokuba inyaniso ikhubekile endaweni yembutho, akunakungena okuthe gca.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7