-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Isaías 59:15|
Yesuka yasweleka inyaniso, nocezayo ebubini wazibhunyulisa. Wabona ke uYehova, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni.
-
16
|Isaías 59:16|
Wabona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mthandazeli; yaza yamsindisela ingalo yakhe, nobulungisa bakhe bona bamxhasa.
-
17
|Isaías 59:17|
Wanxiba ubulungisa ngokwengubo yentsimbi, wanxiba isigcina-ntloko sosindiso entloko; ukwambatha wambatha iingubo zempindezelo, wazithi wambu ngekhwele, kwanga kungengubo yokwaleka.
-
18
|Isaías 59:18|
Ngokwempatho yabo leyo uya kubuyekeza ngokoko, ubushushu kubabandezeli bakhe, kwaimpatho yabo kwabaziintshaba zakhe; kwiziqithi uya kubuyekeza kwaimpatho yazo.
-
19
|Isaías 59:19|
Baya kuloyika igama likaYehova entshonalanga, baboyike ubuqaqawuli bakhe empumalanga; kuba uya kuza njengomlambo oxineneyo, obalekiswa ngumoya kaYehova;
-
20
|Isaías 59:20|
eze engumkhululi weZiyon, wababuyayo elukreqweni kwaYakobi; utsho uYehova.
-
21
|Isaías 59:21|
Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; uMoya wam ophezu kwakho, nelizwi lam endilibeke emlonyeni wakho, aliyi kusuka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yembewu yakho, utsho uYehova, kuthabathele kweli xesha kude kuse ephakadeni.
-
1
|Isaías 60:1|
SukÂ’ ume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe.
-
2
|Isaías 60:2|
Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaha, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.
-
3
|Isaías 60:3|
Ziya kuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7