-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|Isaías 29:22|
Ngako oko utsho uYehova kwindlu kaYakobi, lowo wamkhululayo uAbraham, ukuthi, Ngoku uYakobi akayi kudana, ngoku ubuso bakhe abuyi kuba luthuthu.
-
23
|Isaías 29:23|
Ngokuba ekuboneni kwakhe, ekuboneni kwabantwana bakhe, isenzo sezandla zam phakathi kwabo, baya kulingcwalisa igama lam, bamngcwalise oyiNgcwele kaYakobi, bangcangcazele phambi koThixo kaSirayeli.
-
24
|Isaías 29:24|
Baya kukwazi ukuqonda abamoya undwendwayo, bayamkele imfundo abakrokrayo.
-
1
|Isaías 30:1|
Yeha ke, abantwana abaziinjubaqa, utsho uYehova; abenza iqhinga elingaphumi kum, bathelelane ngothelelwano kungengaMoya wam, ukuze bongeze isono kwisono;
-
2
|Isaías 30:2|
abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazimele ngomthunzi weYiputa!
-
3
|Isaías 30:3|
Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzimela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo.
-
4
|Isaías 30:4|
Ngokuba abathetheli babo baseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes.
-
5
|Isaías 30:5|
Bonke baya kudana ngabantu abangabanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangabokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo.
-
6
|Isaías 30:6|
Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi. Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa.
-
7
|Isaías 30:7|
AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo angabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10