-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Isaías 30:28|
Ukufutha kwakhe kunjengomlambo okhukulayo, obetha emqaleni, ukuze azihluze iintlanga ngentluzo yokuziphanzisa, umkhala olahlekisayo ube semihlathini yezizwe.
-
29
|Isaías 30:29|
Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo lube njengabahamba bebetha ugwali, ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli.
-
30
|Isaías 30:30|
Uya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho.
-
31
|Isaías 30:31|
Kuba uAsiriya uya kuqhiphuka umbilini lilizwi likaYehova, ekubetheni kwakhe ngentonga.
-
32
|Isaías 30:32|
Kuya kuthi konke ukuhamba koswazi lommiselo, aluhlisayo uYehova phezu kwakhe, kube neengqongqo neehadi, kusiliwa naye imfazwe, kujinga ingalo.
-
33
|Isaías 30:33|
Kuba kukade icangcisiwe, ilungisiwe iTofete, ibe ke ilungiselwe ukumkani; yenziwa yanzulu, yabanzi; igoqo layo linomlilo neenkuni ezininzi; ukuphefumla kukaYehova kuliphemba njengomlambo wesulfure.
-
1
|Isaías 31:1|
Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqine kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!
-
2
|Isaías 31:2|
Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga.
-
3
|Isaías 31:3|
AmaYiputa angabantu, akaThixo; amahashe awo ayinyama, akamoya; ukuba uYehova angasolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke.
-
4
|Isaías 31:4|
Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10