-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Isaías 32:16|
Entlango ke kuya kuma okusesikweni, buhlale ubulungisa entsimini echumayo.
-
17
|Isaías 32:17|
Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade;
-
18
|Isaías 32:18|
abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.
-
19
|Isaías 32:19|
Kuya kuphalala izichotho ekuweni kwehlathi, ugungxulelwe umzi endaweni ephantsi.
-
20
|Isaías 32:20|
Hayi, uyolo lwenu bahlwayela ngasemanzini onke, bayekele amanqina enkomo nawe-esile.
-
1
|Isaías 33:1|
Yeha ke, mbhuqi, wena ke ungabhuqwanga; nginingini, wena ke ungatshinizelwanga! Wakugqiba ukubhuqa, uya kubhuqwa; wakukufeza ukunginiza, uya kunginizelwa.
-
2
|Isaías 33:2|
Yehova, sibabale, sithembele kuwe; yiba yingalo yabo imiso ngemiso; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo.
-
3
|Isaías 33:3|
Ziyaphalaphaliswa izizwe lilizwi lengxokolo, ziyaphangalaliswa iintlanga kukuphakama kwakho.
-
4
|Isaías 33:4|
Ohlanganiswa emke amaxhoba enu njengokuhlanganisa kweenkumbi ezinqunquthayo, bawaququzelele njengokuququzela komqikela.
-
5
|Isaías 33:5|
UYehova uphakamile, ngokuba ehleli phezulu; uyizalisile iZiyon ngokusesikweni nangobulungisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10