-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Isaías 31:5|
Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza.
-
6
|Isaías 31:6|
Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli.
-
7
|Isaías 31:7|
Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingeni, nezegolide ezingeni, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo.
-
8
|Isaías 31:8|
Wowa uAsiriya likrele elingelelandoda, limdle ikrele elingelelamntu, asabe phambi kwekrele, amadodana akhe afakwe uviko.
-
9
|Isaías 31:9|
Ingxondorha yakhe yodlula imke ngokunxunguphala, baqhiphuke umbilini abathetheli bakhe, bemke kwibhanile; utsho uYehova, omlilo useZiyon, oziko liseYerusalem.
-
1
|Isaías 32:1|
Yabona, ukumkani uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli bathethele ngokwesiko;
-
2
|Isaías 32:2|
umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.
-
3
|Isaías 32:3|
Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo.
-
4
|Isaías 32:4|
Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini.
-
5
|Isaías 32:5|
Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10