-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Isaías 32:6|
kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo.
-
7
|Isaías 32:7|
Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni.
-
8
|Isaías 32:8|
Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene.
-
9
|Isaías 32:9|
Bafazi batyeshileyo, sukani nime; liveni ilizwi lam, zintombi zingakhathaliyo; yibekeleni indlebe intetho yam.
-
10
|Isaías 32:10|
Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye.
-
11
|Isaías 32:11|
Gubhani, zintokazi zityeshileyo; gungqani, zintokazi zingakhathaliyo; hlubani nichushuluze, nibhinqe ezirhwexayo emanqeni.
-
12
|Isaías 32:12|
Baya kubetha emabeleni ngenxa yamasimi anqwenelekayo, nangenxa yemidiliya eneziqhamo.
-
13
|Isaías 32:13|
Kuya kuphuma imithi enameva namakhakakhaka emhlabeni wabantu bakowethu; ewe, naphezu kwezindlu zonke zemihlali kumzi odlamkileyo.
-
14
|Isaías 32:14|
Kuba iingxande ezinde zilahliwe, ingxokolo yomzi ishiyiwe; iOfele nemboniselo ziza kuba yimiqolomba ngonaphakade, zibe ziindawo zokudlamkela kwamaesile asendle, zibe lidlelo lemihlambi;
-
15
|Isaías 32:15|
ade agalelwe phezu kwethu uMoya ophuma phezulu, isuke intlango ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Eclesiastés 1-4