-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Isaías 38:15|
Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wenza nokwenza? Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam.
-
16
|Isaías 38:16|
Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu, Bukuzo kanye ubomi bomoya wam: Wondiphilisa ke, ndidlise ubomi.
-
17
|Isaías 38:17|
Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu. Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala; Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.
-
18
|Isaías 38:18|
Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa; Abahla baye emhadini abakulindele ukunyanisa kwakho.
-
19
|Isaías 38:19|
Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla. Uyise uya kukwazisa ukunyanisa kwakho koonyana.
-
20
|Isaías 38:20|
UYehova uza kundisindisa; Ngoko ke sozibetha iihadi zethu Yonke imihla yobomi bethu, endlwini kaYehova.
-
21
|Isaías 38:21|
Wathi uIsaya, mabathabathe isicumba samakhiwane, basibeke ethumbeni, ukuze aphile.
-
22
|Isaías 38:22|
Wathi uHezekiya, Uyintoni na umqondiso wokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kaYehova?
-
1
|Isaías 39:1|
Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.
-
2
|Isaías 39:2|
Wavuya uHezekiya ngabo, wababonisa indlu yakhe yezinto aziqwebileyo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yezixhobo zakhe, nento yonke ebikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10