-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Isaías 39:3|
Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum.
-
4
|Isaías 39:4|
Wathi ke, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.
-
5
|Isaías 39:5|
Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ke ilizwi likaYehova wemikhosi.
-
6
|Isaías 39:6|
Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova.
-
7
|Isaías 39:7|
Baya kuthabatha nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.
-
8
|Isaías 39:8|
Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova, olithethileyo. Wathi, Inene, kuya kubakho uxolo nozingiso ngeyam imihla.
-
1
|Isaías 40:1|
Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu.
-
2
|Isaías 40:2|
Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke.
-
3
|Isaías 40:3|
Yivani omemezayo, esithi, Yigeceni entlango indlela kaYehova; tyenenezelani uThixo wethu umendo enkqantosini.
-
4
|Isaías 40:4|
Yonke imifula mayinyuswe, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; iindawo ezimagqagala zibe zithabazi, nemixawuka ibe ziintili;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10