-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
24
|Isaías 41:24|
Yabonani, ningabento engento, nomsebenzi wenu awuni yani; ulisikizi oninyulayo.
-
25
|Isaías 41:25|
Ndivuse owasentla, weza; owasempumalanga, onqula igama lam; uzifikela iirhuluneli njengodaka, njengombumbi exovula udongwe.
-
26
|Isaías 41:26|
Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? makavele sazi; owakuxelayo ngenxa engaphambili makavele, sithi, Ulungisile. Hayi, akukho waxelayo; hayi, akukho wavakalisayo; hayi, akukho wazivayo iintetho zenu.
-
27
|Isaías 41:27|
Ndim endaqala ndathi kwiZiyon, Yabona, nanzo; ndayinika iYerusalem umshumayeli weendaba ezilungileyo.
-
28
|Isaías 41:28|
Kuba ndakhangela, akwabakho bani; nakwaba akwabakho bacebisi ndingababuzayo, baphendule ngelizwi.
-
29
|Isaías 41:29|
Yabona, bonke bephela bayinto engento, ziyinto engekhoyo izenzo zabo, imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nochuku.
-
1
|Isaías 42:1|
Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.
-
2
|Isaías 42:2|
Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe.
-
3
|Isaías 42:3|
Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso.
-
4
|Isaías 42:4|
Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10