-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Isaías 42:5|
Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya:
-
6
|Isaías 42:6|
ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga;
-
7
|Isaías 42:7|
ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni.
-
8
|Isaías 42:8|
NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.
-
9
|Isaías 42:9|
Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.
-
10
|Isaías 42:10|
Vumani kuYehova ingoma entsha, indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi, nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo, nina ziqhithi nabemi bazo.
-
11
|Isaías 42:11|
Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo, nemizana ehleli amaKedare; mabamemelele abemi bengxondorha, batsholoze ezincotsheni zeentaba.
-
12
|Isaías 42:12|
Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini.
-
13
|Isaías 42:13|
UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe.
-
14
|Isaías 42:14|
Kususela kwakude ndithe quthu, ndathi tu, ndazibamba; ngoku ndiya kubefuza njengozalayo, ndibe nephika, ndifuthe nokufutha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Proverbios 20-24