-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Isaías 43:20|
Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba; ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam.
-
21
|Isaías 43:21|
Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam.
-
22
|Isaías 43:22|
Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli.
-
23
|Isaías 43:23|
Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe.
-
24
|Isaías 43:24|
Akundithengelanga kalamo ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, undikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho.
-
25
|Isaías 43:25|
Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.
-
26
|Isaías 43:26|
Ndikhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.
-
27
|Isaías 43:27|
Uyihlo wokuqala wona, nabalamleli bakho bakreqa kum.
-
28
|Isaías 43:28|
Ngako oko ndabangcolisa ke abathetheli abangcwele, ndamnikela uYakobi ukuba asingelwe phantsi, uSirayeli ukuba anyeliswe.
-
1
|Isaías 44:1|
Kaloku ke yiva, Yakobi mkhonzi wam, Sirayeli endikunyulileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10