-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Isaías 44:12|
Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe.
-
13
|Isaías 44:13|
Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas, isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini.
-
14
|Isaías 44:14|
Ugawula imisedare, uthabatha umholem nomoki, akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine, imvula iwukhulise.
-
15
|Isaías 44:15|
Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.
-
16
|Isaías 44:16|
Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo!
-
17
|Isaías 44:17|
Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam.
-
18
|Isaías 44:18|
Ahazi, abaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi;
-
19
|Isaías 44:19|
banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini?
-
20
|Isaías 44:20|
Esukelana nothuthu nje, intliziyo edetshiselweyo imtyekisile kangangokuba angawuhlanguli umphefumlo wakhe, athi, Akukho buxoki na esandleni sam sokunene?
-
21
|Isaías 44:21|
Khumbula ezo zinto, Yakobi, Sirayeli, ngokuba ungumkhonzi wam; ndikubumbile, ungumkhonzi kum; Sirayeli, akuyi kulityalwa ndim.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10