-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Isaías 45:14|
Utsho uYehova ukuthi, Ukuxelenga kweYiputa nokurhweba kukaKushi nokwamaSebha, abafo abanewonga, kuya kuwelela kuwe kube kokwakho. Baya kuhamba emva kwakho, baya kuwela benemixokelelwane, baqubude kuwe; baya kuthandaza kuwe, besithi, Inene, ukuwe uThixo; akusekho thixo, akukho nokuba abe mnye.
-
15
|Isaías 45:15|
Inyaniso, unguThixo ozisithelisayo, Thixo kaSirayeli, Msindisi.
-
16
|Isaías 45:16|
Baya kudana, kananjalo bahlazeke bonke bephela; baya kuhamba behlazekile kunye abaziingcibi zezithixo.
-
17
|Isaías 45:17|
USirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni.
-
18
|Isaías 45:18|
Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi.
-
19
|Isaías 45:19|
Andithethanga entsithelweni, endaweni emnyama yelizwe; anditshongo embewini kaYakobi ukuthi, Ndiquqeleni enyanyeni. Mna Yehova ndithetha ubulungisa, ndixela into ethe tye.
-
20
|Isaías 45:20|
Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: abanakwazi abathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, abathandazi bothixo ongasindisiyo.
-
21
|Isaías 45:21|
Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim.
-
22
|Isaías 45:22|
Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi.
-
23
|Isaías 45:23|
Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10