-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Isaías 19:21|
UYehova uya kuzazisa kumaYiputa, amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, amkhonze ngemibingelelo nangeminikelo yokudla; abhambathise ngezibhambathiso kuYehova, azizalise.
-
22
|Isaías 19:22|
UYehova uya kuwabetha ke amaYiputa, ebetha ephilisa; abuyele kuYehova, yena athandazeke ngawo, awaphilise.
-
23
|Isaías 19:23|
Ngaloo mini kuya kubakho umendo ophuma eYiputa, oya eAsiriya; eze ama-Asiriya eYiputa, amaYiputa aye eAsiriya, akhonze uYehova amaYiputa kunye nama-Asiriya.
-
24
|Isaías 19:24|
Ngaloo mini amaSirayeli aya kuba sisahlulo sesithathu kumaYiputa nakuma-Asiriya, eyintsikelelo phakathi kwehlabathi;
-
25
|Isaías 19:25|
ewasikelela uYehova wemikhosi, esithi, Nisikelelwe, maYiputa, bantu bam; ma-Asiriya, msebenzi wezandla zam; maSirayeli, lifa lam.
-
1
|Isaías 20:1|
Ngomnyaka wokuza kukaTartan eAshdode, ethunywe nguSargon, ukumkani waseAsiriya (walwa neAshdode, wayithimba), ngelo xesha,
-
2
|Isaías 20:2|
wathetha uYehova ngoIsaya unyana ka-Amotsi, esithi, Yiya ukhulule ingubo erhwexayo emanqeni akho, uzikhulule iimbadada ezinyaweni zakho. Wenjenjalo ke, wahamba ze, engenazo neembadada.
-
3
|Isaías 20:3|
Wathi ke uYehova, Njengokuba umkhonzi wam uIsaya ehambe ze, engenambadada, iminyaka emithathu, waba ngumqondiso nesimanga kwiYiputa nakwaKushi:
-
4
|Isaías 20:4|
uya kwenjenjalo ukumkani waseAsiriya ukubaqhuba abathinjiweyo baseYiputa, nabafudusiweyo bakwaKushi, abantwana namadoda amakhulu, beze, bengenambadada, behamba ngeempundu, intoleyo eziintloni kwiYiputa.
-
5
|Isaías 20:5|
Baya kuqhiphuka umbilini badane nguKushi, inqolonci yabo, nayiYiputa, iqhayiya labo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10