-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Isaías 22:3|
Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abafunyanwa kuwe bakhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude.
-
4
|Isaías 22:4|
Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu.
-
5
|Isaías 22:5|
Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni.
-
6
|Isaías 22:6|
AmaElam aqubule umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda na bamahashe; amaKiri ahlube iingweletshetshe.
-
7
|Isaías 22:7|
Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.
-
8
|Isaías 22:8|
Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi.
-
9
|Isaías 22:9|
Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi;
-
10
|Isaías 22:10|
izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga.
-
11
|Isaías 22:11|
Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, anakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.
-
12
|Isaías 22:12|
INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10