-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Isaías 21:10|
Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesanda sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni.
-
11
|Isaías 21:11|
Isihlabo esisingisele kothe cwaka. Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku?
-
12
|Isaías 21:12|
Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani.
-
13
|Isaías 21:13|
Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi. KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan.
-
14
|Isaías 21:14|
Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawulele ngesonka abaphalaphalayo.
-
15
|Isaías 21:15|
Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima.
-
16
|Isaías 21:16|
Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare;
-
17
|Isaías 21:17|
abe mbalwa amasalela enani lezaphetha zamagorha, oonyana bakaKedare; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli uthethile.
-
1
|Isaías 22:1|
Isihlabo esisingisele kumfula wombono. Ukholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela?
-
2
|Isaías 22:2|
Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10