-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Isaías 25:7|
aginye kule ntaba umphambili wesigqubuthelo esizigqubutheleyo izizwe zonke, nesigubungelo esizigubungeleyo zonke iintlanga.
-
8
|Isaías 25:8|
Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.
-
9
|Isaías 25:9|
Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe.
-
10
|Isaías 25:10|
Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba.
-
11
|Isaías 25:11|
Aya kuzaneka izandla zawo emthonyameni wawo, njengokuba indadi izaneka izandla ukuba idade; ke uYehova uya kulithoba ikratshi lawo, kunye nezigcaliselo zezandla zawo.
-
12
|Isaías 25:12|
Wozisibekekisa iindonga zakho ezinqabileyo eziphakamileyo, azigungxule, ade azifikise emhlabeni, eluthulini.
-
1
|Isaías 26:1|
Ngaloo mini kuya kuvunywa le ngoma ezweni lakwaYuda, ithi, Yinqaba umzi wethu thina; umisa iidonga nongqameko zibe lusindiso.
-
2
|Isaías 26:2|
Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka.
-
3
|Isaías 26:3|
Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.
-
4
|Isaías 26:4|
Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10