-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Isaías 26:5|
Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini.
-
6
|Isaías 26:6|
Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli.
-
7
|Isaías 26:7|
Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane.
-
8
|Isaías 26:8|
Kakade, Yehova, sibe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni.
-
9
|Isaías 26:9|
Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.
-
10
|Isaías 26:10|
Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova.
-
11
|Isaías 26:11|
Yehova, sibe siphakamile isandla sakho, ababona; ke baya kulibona ikhwele lakho ngenxa yabantu, badane; ewe, umlilo mawubadle ababandezeli bakho.
-
12
|Isaías 26:12|
Yehova, uya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele.
-
13
|Isaías 26:13|
Yehova Thixo wethu, iinkosi ezingenguwe bezinobukhosi phezu kwethu; kodwa sikhankanya igama lakho ngawe wedwa.
-
14
|Isaías 26:14|
Abafileyo abo abasayi kuba saphila; abangasekhoyo abo abasayi kuba savuka; ngoko ke ubavelele wabatshabalalisa, wakwenza kwadaka konke ukukhunjulwa kwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10