-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Isaías 27:4|
Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye.
-
5
|Isaías 27:5|
Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.
-
6
|Isaías 27:6|
Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uSirayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo.
-
7
|Isaías 27:7|
Umbethe ngokubetha kwababethi bakhe na? Mhlawumbi ubulewe ngokubulawa kwababulewe nguye na?
-
8
|Isaías 27:8|
Ekumaleni wabambana naye, walinganisela, wakha uluhlu, wamgxotha ngomoya wakhe owomeleleyo ngemini yomoya wasempumalanga.
-
9
|Isaías 27:9|
Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera nezithixo zelanga.
-
10
|Isaías 27:10|
Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso.
-
11
|Isaías 27:11|
Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala.
-
12
|Isaías 27:12|
Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo, ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli.
-
13
|Isaías 27:13|
Kuya kuthi ngaloo mini, kuvuthelwe isigodlo esikhulu, beze ababelahlekele ezweni laseAsiriya, nababegxothelwe ezweni lamaYiputa, baqubude kuYehova entabeni engcwele eseYerusalem.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10