-
Leer por capítulos:
101-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 101:1|
EkaDavide. Umhobe. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo; Ndiya kukubethela uhadi, Yehova.
-
2
|Salmos 101:2|
Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo; Uya kuza nini na kum? Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam Phakathi kwendlu yam.
-
3
|Salmos 101:3|
Andiyi kubeka phambi kwamehlo am Nto inobutshijolo. Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile, Akuyi kunamathela kum.
-
4
|Salmos 101:4|
Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum; Into embi andiyi kuyazi.
-
5
|Salmos 101:5|
Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese, Lowo ndiya kumbhangisa. Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo, Lowo andinakumthwala.
-
6
|Salmos 101:6|
Amehlo am akwabanyanisayo ezweni, Ukuba bandiphahle; Ohamba ngendlela yengqibelelo, Lowo makandilungiselele.
-
7
|Salmos 101:7|
Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am.
-
8
|Salmos 101:8|
Imiso ngemiso, ndiya kubabhangisa Bonke abangendawo belizwe, Ukuze ndibanqumle emzini kaYehova Bonke abasebenzi bobutshinga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38