-
Leer por capítulos:
60-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 60:1|
Kumongameli; ngeyenyibiba yesingqino. Eliligugu. EkaDavide. Eyokufundisa: ekulweni kwakhe nama-Aram phakathi kweMilambo nama-Aram aseTsobha; wabuya uYowabhi, wawabulala amaEdom emfuleni wetyuwa, amawaka alishumi elinamabini. Thixo, usihlambile, wasichitha, Waqumba; ngamana wasibuyisa.
-
2
|Salmos 60:2|
Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule; Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.
-
3
|Salmos 60:3|
Ubabonisile abantu bakho into elukhuni, Usiseze iwayini ehexisayo.
-
4
|Salmos 60:4|
Ubanike ibhanile abakoyikayo, Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 60:5|
Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.
-
6
|Salmos 60:6|
UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.
-
7
|Salmos 60:7|
Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo;
-
8
|Salmos 60:8|
UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Filisti, nkqangaza wena ngam.
-
9
|Salmos 60:9|
Ngubani na owondisa emzini wamandla? Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?
-
10
|Salmos 60:10|
Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7