-
Leer por capítulos:
65-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 65:1|
Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ingoma. Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon; Sizaliswa kuwe isibhambathiso.
-
2
|Salmos 65:2|
Wena mphulaphuli wemithandazo, Iza kuwe inyama yonke.
-
3
|Salmos 65:3|
Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa, Ukreqo lwethu uyaluxolela wena ngocamagushelo.
-
4
|Salmos 65:4|
Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze Ukuba ahlale ezintendelezweni zakho! Siya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho, Kwetempile yakho engcwele.
-
5
|Salmos 65:5|
Usiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa, Thixo osisindisayo; Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude;
-
6
|Salmos 65:6|
Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe, Ebhinqe ubugorha;
-
7
|Salmos 65:7|
Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo, Nokuxokozela kwezizwe.
-
8
|Salmos 65:8|
Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi. Umemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.
-
9
|Salmos 65:9|
Uwuvelele umhlaba, wawunyela, Wawutyebisa kakhulu. Umjelo kaThixo uzele ngamanzi: Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.
-
10
|Salmos 65:10|
Useza ihluthe imisele yawo; Unyakamisa imiqela yawo. Uthambisa ngeziphango; Usikelela izilimo zawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38