-
Leer por capítulos:
84-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 84:1|
Kumongameli; ngolwaseGati. Eyoonyana bakaKora. Umhobe. Hayi, ukuthandeka kweminquba yakho, Yehova wemikhosi!
-
2
|Salmos 84:2|
Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova; Intliziyo yam nenyama yam imemelela kuThixo ophilileyo.
-
3
|Salmos 84:3|
Intakana le ifumene ikhaya; Inkonjane izifumanele indlu, Apho izalela khona amathole ayo: Izibingelelo zakho, Yehova wemikhosi, Kumkani wam, Thixo wam.
-
4
|Salmos 84:4|
Hayi, uyolo lwabahlala endlwini yakho! Basaya kukudumisa. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 84:5|
Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe, Abakhumbula umendo oya eZiyon!
-
6
|Salmos 84:6|
Bephumela entilini yemithi yeBhaka, Bayenza ibe nemithombo; Ewe, imvula iyithi wambu ngentsikelelo.
-
7
|Salmos 84:7|
Baya besomelela ngokomelela; Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi,
-
8
|Salmos 84:8|
Yehova, Thixo wemikhosi, Wuve umthandazo wam, Wubekele indlebe, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)
-
9
|Salmos 84:9|
Khangela, Thixo, ngweletshetshe yethu, Ubukhangele ubuso bomthanjiswa wakho.
-
10
|Salmos 84:10|
Ngokuba imini enye ezintendelezweni zakho ilungile kunewaka; Ndinyule ukuba semnyango endlwini kaThixo wam, Kunokuhlala ngaphakathi kweentente zokungendawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7