-
Leer por capítulos:
75-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 75:1|
Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela; Lisondele igama lakho; Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.
-
2
|Salmos 75:2|
Ngokuba uthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo, Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.
-
3
|Salmos 75:3|
Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo; Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)
-
4
|Salmos 75:4|
Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa; Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;
-
5
|Salmos 75:5|
Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu, Ningathethi ngokusa, nolule intamo.
-
6
|Salmos 75:6|
Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga, Nasentlango yeentaba.
-
7
|Salmos 75:7|
Hayi, nguThixo ogwebayo; Uyamthoba lo, amphakamise lowa.
-
8
|Salmos 75:8|
Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.
-
9
|Salmos 75:9|
Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;
-
10
|Salmos 75:10|
Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa, Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38