-
Leer por capítulos:
96-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 96:1|
Vumani kuYehova ingoma entsha, Vumani kuYehova, nonke hlabathi.
-
2
|Salmos 96:2|
Vumani kuYehova, bongani igama lakhe, Shumayelani iimini ngeemini iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.
-
3
|Salmos 96:3|
Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo;
-
4
|Salmos 96:4|
Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke.
-
5
|Salmos 96:5|
Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.
-
6
|Salmos 96:6|
Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe.
-
7
|Salmos 96:7|
Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla;
-
8
|Salmos 96:8|
Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe.
-
9
|Salmos 96:9|
Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele, Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.
-
10
|Salmos 96:10|
Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani, Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi, Uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7