-
Leer por capítulos:
112-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 112:1|
Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!
-
2
|Salmos 112:2|
Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.
-
3
|Salmos 112:3|
Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe; Ubulungisa bakhe buhlala bumi.
-
4
|Salmos 112:4|
Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye, Benobabalo, nemfesane, nobulungisa.
-
5
|Salmos 112:5|
Unoyolo umntu obabalayo, aboleke; Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.
-
6
|Salmos 112:6|
Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.
-
7
|Salmos 112:7|
Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.
-
8
|Salmos 112:8|
Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
-
9
|Salmos 112:9|
Uyahlakaza, upha amahlwempu; Ubulungisa bakhe buhlala bumi, Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.
-
10
|Salmos 112:10|
Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe, Atshixize amazinyo, anyibilike; Umnqweno wongendawo uyadaka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38