-
Leer por capítulos:
130-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 130:1|
Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,
-
2
|Salmos 130:2|
Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam.
-
3
|Salmos 130:3|
Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?
-
4
|Salmos 130:4|
Ngokuba kunawe ukuxolela, Ukuze woyikwe.
-
5
|Salmos 130:5|
Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe.
-
6
|Salmos 130:6|
Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.
-
7
|Salmos 130:7|
Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi.
-
8
|Salmos 130:8|
Yena ke wowakhulula amaSirayeli Ebugwenxeni bawo bonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7